Wadideka luloyiko wonke umkhosi wamaFilistiya, nditsho lowo usekampini, nalowo usemathafeni, nalowo ukwiikampana, nalowo ukumahlelo ahlaselayo. Bacela kwabasicatyana, watsho wanyikima umhlaba. Yayingumsebenzi kaThixo ke lo.