Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 9:8-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba?

9. Abanye babesithi, Nguye lo; bambi ke bathi, Ufana naye; yena ke wayesithi, Ndinguye.

10. Babesithi ngoko kuye, Atheni na ukuvuleka amehlo akho?

11. Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenzé udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona.

12. Bathi ngoko kuye, Úphi na yena? Athi, Andazi.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 9