Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 9:37-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Uthe ke uYesu kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe.

38. Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye.

39. Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone, bathi ababonayo babe ziimfama.

40. Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na?

41. Uthe ke kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ke ngoko isono senu sihleli.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 9