26. Abuye ke athi kuye, Wénzé ntoni na kuwe? útheni na ukuwavula amehlo akho?
27. Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?
28. Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses.
29. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.
30. Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningàzi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am.
31. Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo.
32. Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama.
33. Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto.