Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 9:23-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye.

24. Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni.

25. Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi ntonye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona.

26. Abuye ke athi kuye, Wénzé ntoni na kuwe? útheni na ukuwavula amehlo akho?

27. Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?

28. Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses.

29. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.

30. Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningàzi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am.

31. Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo.

32. Kwasephakadeni akuzanga kuviwe ukuba umntu wakha wavula amehlo ozelwe eyimfama.

33. Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto.

34. Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; ùfundisa thina na wena? Amkhuphela ngaphandle.

35. Weva uYesu ukuba amkhuphele ngaphandle. Uthe akumfumana wathi kuye, Wena uyakholwa na kuNyana kaThixo?

36. Uphendule yena wathi, Ongubani na, Nkosi, ukuze ndikholwe kuye?

37. Uthe ke uYesu kuye, Umbonile; nguye lo uthetha nawe.

38. Wathi ke yena, Ndiyakholwa, Nkosi. Waza waqubuda kuye.

39. Wathi uYesu, Mna ndizele ugwebo kweli hlabathi, ukuze abangaboniyo babone, bathi ababonayo babe ziimfama.

40. Baziva ezo nto abakubaFarisi ababenaye, bathi kuye, Singaba siziimfama nathi na?

41. Uthe ke kubo uYesu, Ukuba beniziimfama, ngeningenasono; kungoku nithi, Siyabona; ke ngoko isono senu sihleli.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 9