Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 9:19-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Aza ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama?

20. Phofu ubona ngani na ngoku? Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama;

21. le nto ke abonayo ngoku asazi, novulé amehlo akhe, asimazi thina; uselemkhulu yena, buzani kuye, wozithethela.

22. Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba nguKristu,* aze akhutshwe esikhungwini.

23. Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye.

24. Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni.

25. Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi ntonye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona.

26. Abuye ke athi kuye, Wénzé ntoni na kuwe? útheni na ukuwavula amehlo akho?

27. Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?

28. Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses.

29. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.

30. Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningàzi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 9