Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 9:14-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ke kaloku yaye iyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe.

15. Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba útheni na ukuba abuye abone. Wathi ke yena kubo, Ubeké udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; ndiyabona ke.

16. Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angáthini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana?

17. Bathi qheke kubini. Babuya bathi kwimfama, Ùthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Uthe ke yena, Ungumprofeti.

18. Akakholwa ngoko amaYuda ngaye, ukuba ebeyimfama, wabuye wabona, ada abiza abazali balowo ubuye wabona.

19. Aza ababuza esithi, Lo ngunyana wenu na, enithi nina wazalwa eyimfama?

20. Phofu ubona ngani na ngoku? Abazali bakhe bawaphendula bathi, Siyazi ukuba lo ngunyana wethu, kwanokuba ke wazalwa eyimfama;

21. le nto ke abonayo ngoku asazi, novulé amehlo akhe, asimazi thina; uselemkhulu yena, buzani kuye, wozithethela.

22. Batsho abazali bakhe, ngokuba babesoyika amaYuda; kuba amaYuda abeselenqophisene ngokuthi, Ukuba uthe umntu wamvuma ukuba nguKristu,* aze akhutshwe esikhungwini.

23. Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye.

24. Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni.

25. Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi ntonye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona.

26. Abuye ke athi kuye, Wénzé ntoni na kuwe? útheni na ukuwavula amehlo akho?

27. Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?

28. Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses.

29. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.

30. Waphendula umntu lowo, wathi kuwo, Nasi apha isimanga, ukuthi nina ningàzi apho avela khona; ukanti uwavulile amehlo am.

31. Siyazi ke ukuba uThixo akabeva aboni; kodwa ukuba umntu uthi amhlonele uThixo, akwenze ukuthanda kwakhe, uyamva lowo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 9