Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 9:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Babesithi ngoko kuye, Atheni na ukuvuleka amehlo akho?

11. Waphendula yena wathi, Umntu ekuthiwa nguYesu wenzé udaka, waqaba amehlo am, wathi kum, Yiya echibini leSilowa, uhlambe; ndiyile ke ndahlamba, ndabuya ndibona.

12. Bathi ngoko kuye, Úphi na yena? Athi, Andazi.

13. Bamzisa kubaFarisi lowo ubefudula eyimfama.

14. Ke kaloku yaye iyisabatha, oko uYesu wenza udaka, wawavula amehlo akhe.

15. Babuya ngoko ke bambuza nabaFarisi, ukuba útheni na ukuba abuye abone. Wathi ke yena kubo, Ubeké udaka emehlweni am, ndaza ndahlamba; ndiyabona ke.

16. Babesithi ngoko abathile bakubaFarisi, Lo mntu asingowakwaThixo, ngokuba isabatha akayigcini. Babesithi abanye, Angáthini na umntu ongumoni ukwenza imiqondiso engakanana?

17. Bathi qheke kubini. Babuya bathi kwimfama, Ùthini na wena ngaye, ewavulile nje amehlo akho? Uthe ke yena, Ungumprofeti.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 9