Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 9:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe.

2. Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi,* ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje?

3. Waphendula uYesu wathi, Akoné lo, akoné bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye imisebenzi kaThixo.

4. Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza.

5. Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi.

6. Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawaqaba amehlo emfama ngodaka olo.

7. Wathi kuyo, Yiya kuhlamba echibini leSilowa (oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thunyiwe). Yemka ngoko, yaya yahlamba, yeza ibona.

8. Baye ngoko abamelwane, nababembona ngaphambili ukuba uyimfama, besithi, Lo asinguye na obehleli engqiba?

funda isahluko epheleleyo Uyohane 9