Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 9:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Uthe ke edlula, wabona umntu obe eyimfama kwasekuzalweni kwakhe.

2. Bambuza ke abafundi bakhe, besithi, Rabhi,* ngubani na owonayo, ngulo, ngabazali bakhe, sini na, ukuze azalwe eyimfama nje?

3. Waphendula uYesu wathi, Akoné lo, akoné bazali bakhe; uzelwe eyimfama ukuze ibonakalaliselwe kuye imisebenzi kaThixo.

4. Ndimelwe kukuyisebenza imisebenzi yowandithumayo, kusesemini; kuza ubusuku, xa kungekho namnye unako ukusebenza.

5. Xa ndisesehlabathini, ndilukhanyiselo lwehlabathi.

6. Akuba etshilo, watshica emhlabeni, wenza udaka ngamathe, wawaqaba amehlo emfama ngodaka olo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 9