Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 8:51-59 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

51. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade.

52. Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. UAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa, ube wena usithi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade.

53. Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? Nabaprofeti bafa; uzenza bani na wena?

54. Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nina nguThixo wenu.

55. Kanti ke animazanga, mna ke ndiyamazi. Ukuba ke ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe.

56. UAbraham, uyihlo, wagcobela ukuwubona umhla wam; wawubona, wavuya.

57. Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham?

58. Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade.

59. Ngoko achola amatye, ukuze amgibisele; wazímela ke uYesu, waphuma etempileni, wacanda phakathi kwawo; wenjenjalo ukudlula.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 8