Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 8:42-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

42. Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo.

43. Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam.

44. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo.

45. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim.

46. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningàkholwa ndim?

47. Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.

48. Aphendula ngoko amaYuda, athi kuye, Asilungisi na thina ukuthi ùngumSamariya wena, nokuthi ùnedemon?

49. Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza.

50. Mna ke andifuni luzuko lwam; ukho lowo ufunayo, ugwebayo.

51. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 8