Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 8:41-58 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Nina nenza imisebenzi yooyihlo.Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu, sinaBawo mnye, uThixo.

42. Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo.

43. Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam.

44. Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo.

45. Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim.

46. Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningàkholwa ndim?

47. Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.

48. Aphendula ngoko amaYuda, athi kuye, Asilungisi na thina ukuthi ùngumSamariya wena, nokuthi ùnedemon?

49. Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza.

50. Mna ke andifuni luzuko lwam; ukho lowo ufunayo, ugwebayo.

51. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza abone kufa naphakade.

52. Athi ngoko amaYuda kuye, Kukalokunje, siyazi ukuba unedemon. UAbraham wafa, nabo abaprofeti bafa, ube wena usithi, Ukuba umntu uthe waligcina ilizwi lam, akasayi kuza eve kufa naphakade.

53. Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? Nabaprofeti bafa; uzenza bani na wena?

54. Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nina nguThixo wenu.

55. Kanti ke animazanga, mna ke ndiyamazi. Ukuba ke ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe.

56. UAbraham, uyihlo, wagcobela ukuwubona umhla wam; wawubona, wavuya.

57. Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham?

58. Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 8