Wathi ngoko uYesu kuwo, Xa nithe namphakamisa uNyana woMntu, noqonda oko ukuba ndinguye, nokuba andenzi nto ngokwam; ndisuka ndizithethe ezi zinto njengoko wandifundisayo uBawo.