Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 7:40-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu*.

41. Babesithi abanye, uKristu* angávela kwelaseGalili yini na?

42. Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu* uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide?

43. Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe.

44. Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa izandla.

45. Afika ngoko amadindala kubabingeleli abakhulu nakubaFarisi; baza bona bathi kuwo, Kungani na ukuba ningezi naye?

46. Aphendula amadindala athi, Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu.

47. Bawaphendula ngoko abaFarisi, bathi, Ningaba nilahlekisiwe nani na?

48. Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na?

49. Olu luntu lungawaziyo umthetho luqalekisiwe.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 7