Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 7:4-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhléni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi.

5. Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye.

6. Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile.

7. Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo.

8. Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki.

9. Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili.

10. Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhléni, kubusithela.

11. Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena?

12. Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi, yena ulahlekisa uluntu olu.

13. Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhléni, ngenxa yokoyika amaYuda.

14. Ke kaloku, kwakubon' ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa.

15. Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje?

16. Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 7