Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 7:36-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina?

37. Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele.

38. Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe.

39. Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa.

40. Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu*.

41. Babesithi abanye, uKristu* angávela kwelaseGalili yini na?

42. Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu* uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide?

43. Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 7