Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 7:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala.

2. Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba.

3. Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo.

4. Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhléni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi.

5. Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 7