Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 6:63-71 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

63. Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi.

64. Kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumnikela.

65. Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo.

66. Ngenxa yoko into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye.

67. Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na?

68. Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.

69. Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu,* uNyana kaThixo ophilileyo.

70. Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi.

71. Wayethetha ke ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 6