Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 6:44-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.

45. Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.

46. Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo.

47. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade.

48. Ndim isonka sobomi.

49. Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko.

50. Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla, angafi.

51. Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.

52. Ngoko amaYuda ayesilwa phakathi kwawo, esithi, Angáthini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle?

53. Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 6