Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 6:3-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ke kaloku, wenyuka uYesu waya entabeni, wahlala phantsi khona nabafundi bakhe.

4. Yaye ke ikufuphi ipasika,* umthendeleko wamaYuda.

5. Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?

6. Úbesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza.

7. UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo* ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana.

8. Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros,

9. Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?

10. Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ngoko amadoda, engathi amawaka mahlanu inani.

11. Wazithabatha ke izonka uYesu, wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi bábela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo.

12. Bakuhlutha ke, uthi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto.

13. Babutha ngoko, bazalisa izitya zalishumi elinazibini ngamaqhekeza abesele kubo ababedlile, ezonkeni ezihlanu zerhasi.

14. Ngoko abantu aba, bakuwubona umqondiso awawenzayo uYesu, bathi, Lo nguye inyaniso umprofeti lowo uzayo ehlabathini.

15. Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni yena yedwa.

16. Ke kaloku, kuthe kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 6