Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 6:28-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo?

29. Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye.

30. Bathi ngoko kuye, Wènza mqondiso mni na wena, ukuze sibone, sikholwe nguwe?

31. Usebenza ntoni na? Oobawo bethu bona badla imana entlango, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona.

32. Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso.

33. Kuba isonka sikaThixo sesi sehlayo ezulwini, silinike ubomi ihlabathi.

34. Bathi ke ngoko kuye, Nkosi, sinike eso sonka ngamaxa onke.

35. Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade.

36. Senditshilo kuni ukuthi, Nindibonile nokundibona, anikholwa noko.

37. Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle;

38. ngokuba ndihle emazulwini, ndingàze kwenza ukuthanda kwam; ndizé kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo.

39. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo: ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela.

40. Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela.

41. Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini.

42. Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angáthini na ke ngoko yena ukuthi, Ndihle emazulwini?

43. Waphendula ngoko uYesu wathi kubo, Musani ukukrokra ngaphakathi kwenu.

44. Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.

45. Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 6