Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 6:24-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. xeshikweni ke indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu.

25. Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi,* ufike nini na apha?

26. Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha.

27. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo.

28. Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo?

29. Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye.

30. Bathi ngoko kuye, Wènza mqondiso mni na wena, ukuze sibone, sikholwe nguwe?

31. Usebenza ntoni na? Oobawo bethu bona badla imana entlango, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona.

32. Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 6