Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 6:18-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu.

19. Bakuba ngoko begweqile izitadiya* ezingathi zimashumi mabini anazihlanu, nokuba mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esiza kubo kufuphi nomkhombe; basuka boyika.

20. Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika.

21. Babethanda ngoko ukumamkelela emkhombeni; waza kwaoko umkhombe waba semhlabeni lowo babesiya kuwo.

22. Ngengomso indimbane leyo, ìbimi phesheya kolwandle, yakuba ibonile ukuba akukho mkhonjana wumbi khona, ngulowo mnye wodwa babengene kuwo abafundi bakhe; nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhonjaneni lowo, bemké bodwa abafundi bakhe;

23. nokuba kuzé eminye imikhonjana ivela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka khona, yakuba ibulele iNkosi:

24. xeshikweni ke indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu.

25. Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi,* ufike nini na apha?

26. Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha.

27. Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 6