Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 6:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Emveni kwezi zinto, wemka uYesu, waya phesheya kolwandle lwaseGalili, lwaseTibheriya.

2. Wayelandelwa ke sisihlwele esikhulu, ngokuba babebona imiqondiso yakhe, abeyenza kwababesifa.

3. Ke kaloku, wenyuka uYesu waya entabeni, wahlala phantsi khona nabafundi bakhe.

4. Yaye ke ikufuphi ipasika,* umthendeleko wamaYuda.

5. Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?

funda isahluko epheleleyo Uyohane 6