Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 6:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Emveni kwezi zinto, wemka uYesu, waya phesheya kolwandle lwaseGalili, lwaseTibheriya.

2. Wayelandelwa ke sisihlwele esikhulu, ngokuba babebona imiqondiso yakhe, abeyenza kwababesifa.

3. Ke kaloku, wenyuka uYesu waya entabeni, wahlala phantsi khona nabafundi bakhe.

4. Yaye ke ikufuphi ipasika,* umthendeleko wamaYuda.

5. Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?

6. Úbesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza.

7. UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo* ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana.

8. Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros,

9. Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?

10. Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ngoko amadoda, engathi amawaka mahlanu inani.

11. Wazithabatha ke izonka uYesu, wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi bábela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 6