Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 5:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Waphendula umlwelwe wathi, Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubon' ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla.

8. Athi uYesu kuye, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe.

9. Usuke kwaoko waphila umntu, waluthabatha ukhuko lwakhe, wahamba.Ke kaloku kwakuyisabatha loo mini.

10. Ayesithi ke amaYuda kophilisiweyo, Yisabatha; akuvumelekile ukuba uthwale ukhuko lwakho.

11. Wawaphendula wathi, Owandiphilisayo, nguye owathi kum, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe.

12. Ambuza ngoko athi, Ngubani na yena loo mntu uthe kuwe, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe?

13. Ke kaloku, owaphiliswayo ebengazi ukuba ngubani na; kuba uYesu wathi shwaka, kwakubon' ukuba kukho izihlwele kuloo ndawo.

14. Emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Ùyabona, uphilile; musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo.

15. Wemka umntu lowo, waxela kumaYuda, ukuba nguYesu omenze waphila.

16. Ngenxa yoko ayemtshutshisa uYesu amaYuda, afuna ukumbulala; ngokuba wayesenza ezo zinto ngesabatha.

17. Wawaphendula ke uYesu wathi, UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.

18. Ngenxa yoko ke ayefuna ngakumbi amaYuda ukumbulala; ngokuba ubengaphule sabatha yodwa, wayetshilo nokuthi, uThixo ngowakhe uYise, ezenza alingane noThixo.

19. Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, ezo uyazenza uNyana kwangokunjalo;

funda isahluko epheleleyo Uyohane 5