Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 5:36-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Mna ke ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile.

37. NoBawo owandithumayo, yena ungqinile ngam. Anizanga nilive izwi lakhe nakanye, niyibone nembonakalo yakhe.

38. Nezwi lakhe aninalo lihleli kuni; ngokuba lowo uthunywe nguye, ningàkholwa nguye nina.

39. Ziphengululeni* izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam.

40. Nibe ke nina ningathandi ukuza kum, ukuze nibe nobomi.

41. Andamkeli luzuko bantwini.

42. Ndiyanazi nina, ukuba uthando lukaThixo aninalo ngaphakathi kwenu.

43. Mna ndizé egameni likaBawo, anindamkeli; ukuba omnye uthe weza ngelilelakhe igama, nomamkela yena.

44. Ningathini na ukuba nako ukukholwa, nisamkelela uzuko omnye komnye nje nina, nibe uzuko lona oluvela kuThixo yedwa ningalufuni?

funda isahluko epheleleyo Uyohane 5