Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 5:3-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Kwakulele kuzo inkitha eninzi yemilwelwe: iimfama, iziqhwala, abome umzimba, belinde ukuzanyazanyiswa kwamanzi.

4. Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso.

5. Ke kaloku, bekukho mntu uthile apho, ubeminyaka imashumi mathathu anesibhozo engumlwelwe.

6. UYesu embona lowo elele, esazi ukuba uselenexesha elikhulu enjalo, uthi kuye, Ùyafuna na ukuba uphile?

7. Waphendula umlwelwe wathi, Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubon' ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla.

8. Athi uYesu kuye, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe.

9. Usuke kwaoko waphila umntu, waluthabatha ukhuko lwakhe, wahamba.Ke kaloku kwakuyisabatha loo mini.

10. Ayesithi ke amaYuda kophilisiweyo, Yisabatha; akuvumelekile ukuba uthwale ukhuko lwakho.

11. Wawaphendula wathi, Owandiphilisayo, nguye owathi kum, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe.

12. Ambuza ngoko athi, Ngubani na yena loo mntu uthe kuwe, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe?

13. Ke kaloku, owaphiliswayo ebengazi ukuba ngubani na; kuba uYesu wathi shwaka, kwakubon' ukuba kukho izihlwele kuloo ndawo.

14. Emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Ùyabona, uphilile; musa ukuba sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kunaleyo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 5