Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 5:29-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.

30. Mna ngokwam andinakwenza nto; njengoko ndivayo, ndìgweba ngako, nomgwebo wam ububulungisa; ngokuba andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo.

31. Ukuba mna ndisuka ndizingqinele, ubungqina bam abungebi yiyo inene.

32. Kukho omnye ongqinayo ngam; ndiyazi ke, ukuba buyinene ubungqina abungqinayo ngam.

33. Nina nithumele kuYohane; uyingqinele ke inyaniso.

34. Mna ke andamkeli bungqina mntwini; ndizithetha ezi zinto, ukuze nina nisindiswe.

35. Yena lowo ebesiso isibane esivuthayo, esikhanyayo; ke nina nathanda ukugcoba umzuzwana elukhanyweni lwakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 5