Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 5:26-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Kuba njengokuba uYise enabo ubomi kuye ngokwakhe, ngokunjalo wamnika noNyana ukuba abe nobomi kuye ngokwakhe.

27. Wamnika negunya lokugweba; ngokuba enguNyana woMntu.

28. Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe;

29. baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.

30. Mna ngokwam andinakwenza nto; njengoko ndivayo, ndìgweba ngako, nomgwebo wam ububulungisa; ngokuba andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo.

31. Ukuba mna ndisuka ndizingqinele, ubungqina bam abungebi yiyo inene.

32. Kukho omnye ongqinayo ngam; ndiyazi ke, ukuba buyinene ubungqina abungqinayo ngam.

33. Nina nithumele kuYohane; uyingqinele ke inyaniso.

34. Mna ke andamkeli bungqina mntwini; ndizithetha ezi zinto, ukuze nina nisindiswe.

35. Yena lowo ebesiso isibane esivuthayo, esikhanyayo; ke nina nathanda ukugcoba umzuzwana elukhanyweni lwakhe.

36. Mna ke ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile.

37. NoBawo owandithumayo, yena ungqinile ngam. Anizanga nilive izwi lakhe nakanye, niyibone nembonakalo yakhe.

38. Nezwi lakhe aninalo lihleli kuni; ngokuba lowo uthunywe nguye, ningàkholwa nguye nina.

39. Ziphengululeni* izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam.

40. Nibe ke nina ningathandi ukuza kum, ukuze nibe nobomi.

41. Andamkeli luzuko bantwini.

42. Ndiyanazi nina, ukuba uthando lukaThixo aninalo ngaphakathi kwenu.

43. Mna ndizé egameni likaBawo, anindamkeli; ukuba omnye uthe weza ngelilelakhe igama, nomamkela yena.

44. Ningathini na ukuba nako ukukholwa, nisamkelela uzuko omnye komnye nje nina, nibe uzuko lona oluvela kuThixo yedwa ningalufuni?

45. Ningàbi ndiya kunimangalela kuBawo mna; ukho onimangalelayo, uMoses, lowo nimthembileyo nina.

46. Kuba, ukuba benikholiwe nguMoses, ninge nikholiwe ndim; kuba yena wabhala ngam.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 5