26. Kuba njengokuba uYise enabo ubomi kuye ngokwakhe, ngokunjalo wamnika noNyana ukuba abe nobomi kuye ngokwakhe.
27. Wamnika negunya lokugweba; ngokuba enguNyana woMntu.
28. Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe;
29. baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.
30. Mna ngokwam andinakwenza nto; njengoko ndivayo, ndìgweba ngako, nomgwebo wam ububulungisa; ngokuba andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo.
31. Ukuba mna ndisuka ndizingqinele, ubungqina bam abungebi yiyo inene.
32. Kukho omnye ongqinayo ngam; ndiyazi ke, ukuba buyinene ubungqina abungqinayo ngam.
33. Nina nithumele kuYohane; uyingqinele ke inyaniso.
34. Mna ke andamkeli bungqina mntwini; ndizithetha ezi zinto, ukuze nina nisindiswe.
35. Yena lowo ebesiso isibane esivuthayo, esikhanyayo; ke nina nathanda ukugcoba umzuzwana elukhanyweni lwakhe.
36. Mna ke ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile.
37. NoBawo owandithumayo, yena ungqinile ngam. Anizanga nilive izwi lakhe nakanye, niyibone nembonakalo yakhe.