Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 5:16-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ngenxa yoko ayemtshutshisa uYesu amaYuda, afuna ukumbulala; ngokuba wayesenza ezo zinto ngesabatha.

17. Wawaphendula ke uYesu wathi, UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.

18. Ngenxa yoko ke ayefuna ngakumbi amaYuda ukumbulala; ngokuba ubengaphule sabatha yodwa, wayetshilo nokuthi, uThixo ngowakhe uYise, ezenza alingane noThixo.

19. Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, ezo uyazenza uNyana kwangokunjalo;

20. kuba uYise uyamthanda uNyana, ambonise izinto zonke azenzayo yena; uya kumbonisa nemisebenzi emikhulu kunale, ukuze nina nimangaliswe.

21. Kuba, njengoko uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi, kwangokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo.

22. Kuba kananjalo uYise akagwebi namnye; uthe umgwebo wonke wawunikela kuNyana;

23. ukuze bonke bambeke uNyana, kwanjengoko bambekayo uYise. Lowo ungambekiyo uNyana, akambeki uYise owamthumayo.

24. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni, wangena ebomini.

25. Inene, inene, ndithi kuni, Kuza ilixa, nangoku liselikho, xa abafileyo baya kuliva izwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 5