Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 4:42-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

42. Kanjalo babesithi kwintokazi leyo, Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho, kuba sizivele thina ngokwethu, sazi ukuba, inyaniso, lo unguye uMsindisi wehlabathi, uKristu*.

43. Ke kaloku, emveni kwemihla emibini leyo, waphuma khona, wemka waya kwelaseGalili.

44. Kuba uYesu ngokwakhe wangqina, ukuba umprofeti akanambeko kowabo.

45. Xenikweni ngoko wafikayo kwelaseGalili, bamamkela abaseGalili ababezibonile zonke izinto awazenzáyo eYerusalem emthendelekweni; kuba babeyile nabo emthendelekweni.

46. Wabuya ngoko weza uYesu eKana yelaseGalili, apho amanzi ebewenze iwayini. Kwaye kukho igosa lakomkhulu elithile, elinyana wayesifa eKapernahum.

47. Lithe lakuva lona ukuba uYesu uphumile kwaYuda, wafika kwelaseGalili, laya kuye, lamcela ukuba ehle amphilise unyana walo, kuba ebeza kubhubha.

48. Wathi ngoko uYesu kulo, Ukuba anithanga nibone imiqondiso nemimangaliso, anisayi kukha nikholwe.

49. Lithi kuye igosa lakomkhulu, Nkosi, yihla, engekabhubhi umntwana wam.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 4