Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 4:34-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.

35. Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisené, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe.

36. Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade, ukuze nalowo uhlwayelayo avuye, kunye nalowo uvunayo.

37. Kuba likulé nto ilizwi eliyinyaniso, eli lithi, Omnye uyahlwayela, nomnye avune.

38. Mna ndanithuma ukuvuna oko ningabulalekanga kuko nina; abanye babulalekile, naza nangena nina ekubulalekeni kwabo.

39. Ke kaloku, kwakholwa kuye into eninzi yamaSamariya kuloo mzi, ngenxa yelizwi lentokazi leyo, yangqinayo yathi, Úndityele izinto zonke endakha ndazenza.

40. Akufika ngoko kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo; wahlala khona ke imihla emibini.

41. Into eninzi yakholwa ngakumbi ngenxa yelizwi lakhe.

42. Kanjalo babesithi kwintokazi leyo, Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho, kuba sizivele thina ngokwethu, sazi ukuba, inyaniso, lo unguye uMsindisi wehlabathi, uKristu*.

43. Ke kaloku, emveni kwemihla emibini leyo, waphuma khona, wemka waya kwelaseGalili.

44. Kuba uYesu ngokwakhe wangqina, ukuba umprofeti akanambeko kowabo.

45. Xenikweni ngoko wafikayo kwelaseGalili, bamamkela abaseGalili ababezibonile zonke izinto awazenzáyo eYerusalem emthendelekweni; kuba babeyile nabo emthendelekweni.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 4