Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 4:24-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.

25. Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu;* xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke.

26. Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye.

27. Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ùfuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo?

28. Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini,

29. Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu* yini na?

30. Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye.

31. Ke kaloku, kweso sithuba abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi,* yidla.

32. Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina.

33. Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla?

funda isahluko epheleleyo Uyohane 4