Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 4:19-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena.

20. Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona.

21. Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo.

22. Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo; ngokuba usindiso luphuma kumaYuda.

23. Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.

24. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.

25. Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu;* xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke.

26. Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 4