Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 4:13-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Waphendula uYesu wathi kuyo, Bonke abasela kula manzi, baya kubuya banxanwe;

14. ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.

15. Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiphe loo manzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza kukha apha.

16. Athi uYesu kuyo, Hamba uye kubiza indoda yakho, uze apha.

17. Yaphendula intokazi yathi, Andinandoda. Athi uYesu kuyo, Ùlungisile ukuthi, Andinandoda;

18. kuba ubunamadoda amahlanu; onayo ngoku asindoda yakho, ùnyanisile ukutsho.

19. Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena.

20. Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona.

21. Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo.

22. Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo; ngokuba usindiso luphuma kumaYuda.

23. Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 4