Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 3:5-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.

6. Okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe nguMoya kungumoya.

7. Musa ukumangaliswa kukuba ndithe kuwe, Nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha.

8. Umoya uphepheza apho uthanda khona, ùze usive isandi sawo, kodwa ungawazi apho úvela khona, nalapho úsinga khona: bakwanjalo bonke abazelwe nguMoya.

9. Waphendula uNikodemo wathi kuye, Zingáthini na ezi zinto ukuba nokubakho?

10. Waphendula uYesu wathi kuye, Wena, úngumfundisi nje wakwaSirayeli, akuzazi na ezi zinto?

11. Inene, inene, ndithi kuwe, Sithetha esikwaziyo, singqine esikubonileyo; nisuke ningabamkeli ubungqina bethu.

12. Ukuba ndinixelele izinto ezisemhlabeni, naza ànakholwa, nòthini na ukukholwa, ukuba ndithe ndanixelela izinto ezisemazulwini?

13. Akukho namnye unyukileyo waya emazulwini, ngulowo yedwa wehla ephuma emazulwini, uNyana woMntu, lowo usemazulwini.

14. Njengokuba ke uMoses wayiphakamisayo inyoka entlango (iNum. 21:9), umelwe kukuphakanyiswa ngokunjalo uNyana woMntu;

15. ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.

16. Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.

17. Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye.

18. Lowo ukholwayo kuye, akagwetywa; ke lowo ungakholwayo, uselegwetyiwe, ngokuba engakholwanga kwigana loNyana okuphela kwamzeleyo uThixo.

19. Ke kaloku, umgwebo nguwo lo, ukuba ukhanyiso lufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokhanyiso; kuba imisebenzi yabo ingendawo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 3