Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 3:31-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo uphuma emhlabeni ungowasemhlabeni, ethetha okwasemhlabeni. Lowo ungowasemazulwini ungaphezu kwabo bonke;

32. akubonileyo ke wakuva, úyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe.

33. Lowo ubamkeleyo ubungqina bakhe, utywine waqinisela ukuthi, uThixo uyinyaniso;

34. kuba lowo ùthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo.

35. UYise uyamthanda uNyana; uzinikele zonke izinto esandleni sakhe.

36. Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 3