23. Waye ke noYohane ebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, ngokuba amanzi abemaninzi khona apho; babesiza ke babhaptizwe.
24. Kuba ebengekaphoswa entolongweni uYohane.
25. Kwabakho ke imbuzwano kubafundi bakaYohane namaYuda ngokuhlanjululwa.
26. Beza kuYohane, bathi kuye, Rabhi,* lowa wayenawe phesheya kweYordan, umngqinela, yabona, yena uyabhaptiza; beza kuye ke bonke.
27. Waphendula uYohane wathi, Akanakwamkela nto umntu, engayinikwanga ivela emazulwini.
28. Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu* mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe.
29. Lowo unomtshakazi ngumyeni; isihlobo ke somyeni, esimiyo simve, sivuya kunene ngenxa yezwi lomyeni; ngoko olu luvuyo lwam luzalisekile.
30. Yena umelwe kukuthi ande, ndinciphe ke mna.
31. Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo uphuma emhlabeni ungowasemhlabeni, ethetha okwasemhlabeni. Lowo ungowasemazulwini ungaphezu kwabo bonke;
32. akubonileyo ke wakuva, úyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe.
33. Lowo ubamkeleyo ubungqina bakhe, utywine waqinisela ukuthi, uThixo uyinyaniso;
34. kuba lowo ùthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo.
35. UYise uyamthanda uNyana; uzinikele zonke izinto esandleni sakhe.
36. Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.