Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 3:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Waphendula uYesu wathi kuye, Wena, úngumfundisi nje wakwaSirayeli, akuzazi na ezi zinto?

11. Inene, inene, ndithi kuwe, Sithetha esikwaziyo, singqine esikubonileyo; nisuke ningabamkeli ubungqina bethu.

12. Ukuba ndinixelele izinto ezisemhlabeni, naza ànakholwa, nòthini na ukukholwa, ukuba ndithe ndanixelela izinto ezisemazulwini?

13. Akukho namnye unyukileyo waya emazulwini, ngulowo yedwa wehla ephuma emazulwini, uNyana woMntu, lowo usemazulwini.

14. Njengokuba ke uMoses wayiphakamisayo inyoka entlango (iNum. 21:9), umelwe kukuphakanyiswa ngokunjalo uNyana woMntu;

15. ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 3