Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 3:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwaye kukho ke umntu wakubaFarisi, ogama linguNikodemo, umphathi wamaYuda.

2. Lowo weza kuYesu ebusuku, wathi kuye, Rabhi,* siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo; kuba akukho namnye unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.

3. Waphendula uYesu wathi kuye, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo.

4. Uthi uNikodemo kuye, Angáthini na umntu ukuzalwa emdala? Angaba nako yini na ukungena okwesibini esizalweni sonina azalwe?

5. Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 3