Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 3:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwaye kukho ke umntu wakubaFarisi, ogama linguNikodemo, umphathi wamaYuda.

2. Lowo weza kuYesu ebusuku, wathi kuye, Rabhi,* siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo; kuba akukho namnye unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.

3. Waphendula uYesu wathi kuye, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo.

4. Uthi uNikodemo kuye, Angáthini na umntu ukuzalwa emdala? Angaba nako yini na ukungena okwesibini esizalweni sonina azalwe?

5. Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.

6. Okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe nguMoya kungumoya.

7. Musa ukumangaliswa kukuba ndithe kuwe, Nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha.

8. Umoya uphepheza apho uthanda khona, ùze usive isandi sawo, kodwa ungawazi apho úvela khona, nalapho úsinga khona: bakwanjalo bonke abazelwe nguMoya.

9. Waphendula uNikodemo wathi kuye, Zingáthini na ezi zinto ukuba nokubakho?

10. Waphendula uYesu wathi kuye, Wena, úngumfundisi nje wakwaSirayeli, akuzazi na ezi zinto?

11. Inene, inene, ndithi kuwe, Sithetha esikwaziyo, singqine esikubonileyo; nisuke ningabamkeli ubungqina bethu.

12. Ukuba ndinixelele izinto ezisemhlabeni, naza ànakholwa, nòthini na ukukholwa, ukuba ndithe ndanixelela izinto ezisemazulwini?

13. Akukho namnye unyukileyo waya emazulwini, ngulowo yedwa wehla ephuma emazulwini, uNyana woMntu, lowo usemazulwini.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 3