Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 21:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Athi ngoko uYesu kubo, Bantwana, aninanto idliwayo na? Bamphendula bathi, Hayi.

6. Wathi ke yena kubo, Wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe, nofumana. Baphosa ke; ababa saba nako ukuwutsala, ngenxa yenkitha yeentlanzi.

7. Athi ngoko loo mfundi ubethandwa nguYesu kuPetros, YiNkosi. Uthe ngoko uSimon Petros, akuva ukuba yiNkosi, wabhinqa ingubo yokwaleka (kuba ebezé), waziphosa elwandle.

8. Ke kaloku abanye abafundi beza ngomkhonjana (kuba bebengemgama emhlabeni, ngathi bebekubhite* zimakhulu mabini), bewuzizilizisa umnatha weentlanzi.

9. Bathi ngoko, bakuwelela emhlabeni, babona umlilo wamalahle ukhona, nentlanzi ikuwo, nesonka.

10. Athi uYesu kubo, Zisani kwezo ntlanzi nizibambise ngokunje.

11. Wangena emkhombeni uSimon Petros, wawutsalela emhlabeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamanci mahlanu anantathu; nakuba bezingako njalo, awujacekanga umnatha.

12. Athi uYesu kubo, Yizani nomule. Akubangakho namnye ke kubafundi waba nabuganga bakumbuza esithi, Ùngubani na? besazi nje ukuba yiyo iNkosi.

13. Uza ke uYesu, asithabathe isonka, abanike, ayenjenjalo nentlanzi.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 21