Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 21:21-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. UPetros akumbona lowo, uthi kuYesu, Nkosi, lo woba yini na?

22. Athi uYesu kuye, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe? Landela mna wena.

23. Laphuma ngoko eli lizwi, laya kubazalwana, ukuba loo mfundi akayi kufa. Waye uYesu engatshongo kuye ukuthi, Akayi kufa; wathi, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe?

24. Nguye lo umfundi ongqinayo ngezi zinto, wazibhala ezi zinto; kanjalo siyazi ukuba ubungqina bakhe buyinene.

25. Kukho ke nezinye izinto ezininzi awazenzayo uYesu; ezingathi zithe zabhalwa ngazinye, ndithi nehlabathi eli alingezibambi iincwadi ezo zingabhalwayo. Amen.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 21