Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 21:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Athi uYesu kubo, Zisani kwezo ntlanzi nizibambise ngokunje.

11. Wangena emkhombeni uSimon Petros, wawutsalela emhlabeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamanci mahlanu anantathu; nakuba bezingako njalo, awujacekanga umnatha.

12. Athi uYesu kubo, Yizani nomule. Akubangakho namnye ke kubafundi waba nabuganga bakumbuza esithi, Ùngubani na? besazi nje ukuba yiyo iNkosi.

13. Uza ke uYesu, asithabathe isonka, abanike, ayenjenjalo nentlanzi.

14. Oku sekukokwesithathu ezibonakalalisa uYesu kubafundi bakhe, evukile kwabafileyo.

15. Bathi ke bakomula, athi uYesu kuSimon Petros, Simon kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Dlisa amatakane am.

16. Aphinde athi kuye okwesibini, Simon kaYona, uyandithanda na? Athi kuye, Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda. Athi kuye, Yalusa izimvu zam.

17. Athi kuye okwesithathu, Simon kaYona, uyandithanda na? Waba buhlungu uPetros, kuba ethe kuye okwesithathu, Uyandithanda na? Wathi kuye, Nkosi, uyazazi izinto zonke wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda. Athi uYesu kuye, Dlisa izimvu zam.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 21