Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 21:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Emva koko waphinda uYesu wazibonakalalisa kubafundi ngaselwandle lwaseTibheriya. Wenjenje ke ukuzibonakalalisa.

2. Babendawonye uSimon Petros, noTomas okuthiwa nguDidimo, noNataniyeli waseKana yelaseGalili, nabakaZebhedi, nabanye kubafundi bakhe bebabini.

3. Athi uSimon Petros kubo, Ndiya kubambisa iintlanzi. Bathi kuye, Nathi siyaya nawe. Baphuma bangena emkhombeni kwaoko. Ngobo busuku àbabamba nto.

4. Ke kaloku, kwakuba sekusile, wema uYesu elunxwemeni; noko abafundi bebengazi ukuba nguYesu.

5. Athi ngoko uYesu kubo, Bantwana, aninanto idliwayo na? Bamphendula bathi, Hayi.

6. Wathi ke yena kubo, Wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe, nofumana. Baphosa ke; ababa saba nako ukuwutsala, ngenxa yenkitha yeentlanzi.

7. Athi ngoko loo mfundi ubethandwa nguYesu kuPetros, YiNkosi. Uthe ngoko uSimon Petros, akuva ukuba yiNkosi, wabhinqa ingubo yokwaleka (kuba ebezé), waziphosa elwandle.

8. Ke kaloku abanye abafundi beza ngomkhonjana (kuba bebengemgama emhlabeni, ngathi bebekubhite* zimakhulu mabini), bewuzizilizisa umnatha weentlanzi.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 21