8. Wandula ngoko wangena nomnye umfundi, lowo ubefike kuqala engcwabeni, wabona, wakholwa;
9. kuba babengekasazi isibhalo esithi, úmelwe kukuthi avuke kwabafileyo.
10. Babuya ngoko abafundi bagoduka.
11. Ke kaloku uMariya ebemi ngaphandle ngasengcwabeni, elila; xa ke ebelila, waqondela engcwabeni.
12. Wabona izithunywa zezulu ezibini, zambethe ezimhlophe, zihleli; esinye ngasentloko, esinye ngasezinyaweni, apho wawulele khona umzimba kaYesu.
13. Zithi zona kuye, Mfazi, ulilelani na? Athi kuzo, Bayisusile iNkosi yam; andazi apho bayibeke khona.
14. Akutsho wajika, wambona uYesu emi; wayengazi ke ukuba nguYesu.
15. Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha.
16. Athi uYesu kuye, Mariya! Wajika yena wathi kuye, Rabhoni! (oku kukuthi, Mfundisi).
17. Uthi uYesu kuye, Ungàndichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.
18. Afike uMariya waseMagadala, ababikele abafundi ukuba uyibonile iNkosi; yathetha ezi zinto kuye.