Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 20:24-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Ke kaloku uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo,* wayengenabo oko wafikayo uYesu.

25. Babesithi ngoko kuye abanye abafundi, Siyibonile iNkosi. Wathi ke yena kubo, Ukuba andithanga ndilibone inxeba lezikhonkwane ezandleni zayo, ndiwufake umnwe wam enxebeni lezikhonkwane, ndisifake isandla sam ecaleni layo, andisayi kukholwa.

26. Baye emveni kweentsuku ezisibhozo bekwangaphakathi abafundi bakhe; wayenabo noTomas. Afike uYesu, zakubon' ukuba zivaliwe iingcango, eme phakathi, athi, Uxolo malube nani.

27. Andule athi kuTomas, Ethe apha umnwe wakho, uzibone izandla zam; ethe isandla sakho, usifake ecaleni lam; musa ukuba ngongakholwayo, yiba ngokholwayo.

28. Uphendule uTomas, wathi kuye, Nkosi yam, Thixo wam!

29. Athi uYesu kuye, Ngokuba undibonile, Tomas, ukholiwe. Banoyolo abo bangabonanga, bakholwa noko.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 20